1. Vuka, vuka, nxiba amandla akho, Ziyon! Nxiba iingubo zakho zokuhomba, Yerusalem, mzi ungcwele! Kuba akuyi kuba saphinda kungene kuwe ongalukanga, noyinqambi.
2. Zivuthulule uthuli; suk' ume, hlala phantsi, Yerusalem; zĂkhulule iimbophelelo zentamo yakho, mthinjwa, ntombi inguZiyon.
3. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Kwathengiswa ngani ngelizé; aniyi kuhlawulelwa nikhululwe ngamali.
4. Kuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Abantu bam behla baya eYiputa ekuqaleni, ukuba baphambukele khona; ke ama-Asiriya abacudisa kungekho sizathu.