8. Ubungàziva; ubungàzazi; ibingavulekile indlebe yakho kwanîni. Kuba bendisazi ukuba unginiza unginizile; ukubizwa kwakho kuthiwa ungumkreqi kwasesizalwani.
9. Ngenxa yegama lam ndizeka kade ukuba nomsindo, nangenxa yendumiso yam ndiyawubamba ngakuwe, ukuze ndingakunqumli.
10. Uyabona, ndikunyibilikisile, akwaba ngokwesilivere; ndakucikida ezikweni leentsizi.
11. Ndikwenza oko ngenxa yam, ngenxa yam (hayi, ukuhlanjelwa kwegama lam!); andiluniki wumbi uzuko lwam.
12. Phulaphula kum, Yakobi, Sirayeli, mbizwa wam; ndim, ndingowokuqala, ewe, ndingowokugqibela.
13. Ewe, isandla sam siseke ihlabathi, esokunene sam saneke izulu; ndithi ndakuzibiza ezo zinto, zime kunye.
14. Zihlanganiseni, nonke niphela, nive; ngubani na phakathi kwezithixo owazixelayo ezo zinto? Umthandwa kaYehova uya kukwenza ukuthanda kwakhe kwiBhabheli, nengalo yakhe ikwenze kumaKaledi.