Uisaya 40:26-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Phakamiselani amehlo enu phezulu, nibone: ngubani na owadala ezi zinto? Ngulokhupha umkhosi wazo ngamaqela, uzibiza zonke ziphela ngamagama, ngenxa yobukhulu bokomelela, ekhaliphile ngamandla; akusali nanye.

27. Yini na ukuba uthi, Yakobi — uthethe uthi, Sirayeli — Indlela yam isithele kuYehova, nebango lam lidlule kuThixo wam?

28. Akwazi na? akuvanga na, ukuba uThixo ongunaphakade nguYehova, uMdali weziphelo zehlabathi? Akatyhafi, akadinwa; ayinakugocwagocwa ingqondo yakhe.

29. Umnika otyhafileyo amandla, ongenakomelela amandisele ukuqina.

30. Namadodana angátyhafa adinwe, nabafana bakhubeke bawe;

31. ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.

Uisaya 40