14. Wawathabatha uHezekiya amaphepha encwadi esandleni sabathunywa, wawafunda; wenyuka waya endlwini kaYehova, wayaneka uHezekiya phambi koYehova.
15. Wathandaza uHezekiya kuYehova esithi,
16. Yehova wemikhosi, Thixo wakwaSirayeli, wena uhleli phakathi kweekerubhi,* unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena ulenzile izulu nehlabathi.
17. Thoba indlebe yakho, Yehova, uve; vula amehlo akho, Yehova, ubone; uweve onke amazwi kaSaneribhe, awathumele ukungcikiva uThixo ophilileyo.
18. Okunene, Yehova, ookumkani baseAsiriya baziphanzisile zonke iintlanga namazwe azo;
19. babanikela oothixo bazo emlilweni, kuba bebengèthixo, bebengumsebenzi wezandla zomntu, umthi nelitye; babatshabalalisa ke.
20. Ke ngoko, Yehova Thixo wethu, sĂsindise esandleni sakhe, zazi zonke izikumkani zehlabathi, ukuba wena unguYehova wedwa.