Uisaya 35:3-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Yomelezani izandla eziwileyo, niwaqinise amadolo agexayo.

4. Yithini kwabantliziyo zingxamayo, Yomelelani, ningoyiki. Yabonani, uThixo wenu uyeza enempindezelo, enembuyekezo kaThixo; uya kuza yena anisindise.

5. Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu;

6. size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge; ngokuba kuya kugqobhoka amanzi entlango, nemilambo enkqantosini;

7. isanga sibe lidike, neendawo ezinxaniweyo zimpompoze amanzi. Esikhundleni sempungutye, apho ibuthuma khona, kuya kuba butyani neengcongolo nemikhanzi.

Uisaya 35