6. Ngenxa yoko lidliwe ihlabathi kukuqalekiswa, bathwele ityala abemiyo kulo; ngenxa yoko baphanzile abemi behlabathi, kwasala abantu abambalwa.
7. Iwayini entsha yenza isijwili, untshwenyile umdiliya, bayancwina bonke abantliziyo inemivuyo.
8. Iphelile imihlali yengqongqo; iyekile ingxokozelo yabadlamkileyo; iphelile imihlali yohadi.
9. Abayi kusela wayini benengoma; sikrakra isiselo esinxilisayo kwabasiselayo.
10. Uqhekekile umzi osenyanyeni, zivalekile zonke izindlu ukuba zingĂ ngenwa mntu.