14. Bophaphazela egxalabeni lamaFilisti, babheke ngasentshonalanga. Baya kudibana baphange oonyana basempumalanga, base isandla kooEdom noMowabhi; oonyana baka-Amon babeve.
15. UYehova wosisingela phantsi isibhaxa solwandle lwaseYiputa, alingise ngesandla sakhe kuwo uMlambo* ekuvutheni komoya wakhe, awubethe ube yimilanjana esixhenxe, abaweze beneembadada.
16. Kuya kubakho umendo wamasalela abantu bakhe, abaya kusala eAsiriya, njengoko kwaba njalo kumaSirayeli, mini anyuka ephuma ezweni leYiputa.