1. Kananjalo kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2. Wena, wena ke nyana womntu, itsho iNkosi uYehova kumhlaba wakwaSirayeli ukuthi, Isiphelo, isiphelo siwafikele amasondo omané elizwe.
3. Kaloku isiphelo sikufikele; ndiya kuwukhuphela umsindo wam kuwe, ndikugwebe ngokweendlela zakho, ndiwabeke phezu kwakho amasikizi akho onke.
4. Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kukuzisela iindlela zakho, abe sesazulwini sakho amasikizi akho; názi ukuba ndinguYehova.
5. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ububi, ububi obubodwa; yabonani, buyeza.
6. Kuza isiphelo, isiphelo sona siyeza, sikuvukele wena; yabona siyeza.
7. Úyakuzela umjojo, mmi welizwe eli; liyeza ixesha, isondele imini; kusisaqunge, akungamayeyeye emihlali ezintabeni.
8. Ngoku kwakufuphi nje ndiya kuthulula phezu kwakho ubushushu bam, ndiwuphelelisele kuwe umsindo wam, ndikugwebe ngokweendlela zakho, ndiwabeke phezu kwakho onke amasikizi akho.
9. Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kuwabeka phezu kwakho ngokweendlela zakho amasikizi akho phakathi kwakho; názi ukuba mna Yehova ndingobethayo.
10. Nantso imini! Nantso, ifikile! Uphuma umjojo, luphuma amathupha uswazi, kuyatyatyamba ukukhukhumala.
11. Ugonyamelo luphakame lwaba luswazi lokungendawo; akuyi kubakho namnye kubo osalayo, kungabikho nto kwingxokolo yabo, kungabikho nto kwintabalala yabo; kungabikho njuze isalayo kubo.
12. Lifikile ixesha, isondele imini; othengayo makangavuyi, othengisayo makangenzi sijwili; ngokuba ukuvutha komsindo kuyayizela yonke ingxokolo yakhona.
13. Ngokuba othengisayo akayi kubuyela entweni abethengise ngayo, nokuba ubesadla ubomi phakathi kwabadla ubomi; ngokuba umbono ongéngxokolo yonke yakhona awuyi kubuya umva; kungàbikho bani ubomelezayo ubomi bakhe ebugwenxeni bakhe.
14. Bavuthela isigodlo, balungisa konke; kodwa akukho namnye oya ekulweni; ngokuba ubushushu bam buyizèle ingxokolo yabo yonke.