Uhezekile 48:5-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ngasemdeni kaManase, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uEfrayim, libe linye.

6. Ngasemdeni kaEfrayim, kuthabathele ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uRubhen, libe linye.

7. Ngasemdeni kaRubhen, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uYuda, libe linye.

8. Ngasemdeni kaYuda, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga, yoba ngumrhumo eniya kuwurhuma; ube ngamawaka angamashumi amabini anamahlanu eengcongolo* ububanzi, ubude ke bube njengobesinye isahlulo, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kude kuye ecaleni lasentshonalanga; ingcwele isesazulwini sawo.

9. Umrhumo eniya kuwurhumela uYehova woba ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ube ngamawaka alishumi ububanzi.

10. Woba ngowaba umrhumo ongcwele: ngowababingeleli; ngasentla ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ngasentshonalanga ube lishumi lamawaka ububanzi, ngasempumalanga ube lishumi lamawaka ububanzi, ngasezantsi ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude; ingcwele kaYehova yoba sesazulwini sawo.

11. Ababingeleli abangcwalisiweyo koonyana bakaTsadoki, abasigcinayo isigxina sam, abangandwendwanga ekundwendweni koonyana bakaSirayeli, njengoko bandwendwáyo abaLevi,

12. woba ngowabo umrhumo emrhumeni welizwe; uyingcwele kangcwele ngasemdeni wabakaLevi.

13. Ke abaLevi bozuza isahlulo esinxulumene nomda wababingeleli, sibe ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, sibe lishumi lamawaka ububanzi; bonke ubude bube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka, nobubanzi bube lishumi lamawaka.

14. Ke abayi kuthengisa ngento yaso, bangananisi ngayo, bangayidluliseli kwabanye intlahlela yelo zwe; ngokuba ingcwele kuYehova.

15. Ke amawaka amahlanu aseleyo ebubanzini, kumawaka angamashumi amabini anamahlanu, àkangcwele; ngawomzi, ngawendawo yokuma neyephandle.

Uhezekile 48