Uhezekile 44:1-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wandibuyisa ngendlela yesango lengcwele elingaphandle, elibheké empumalanga; laye livaliwe.

2. UYehova wathi kum, Eli sango liya kuhlala livaliwe; aliyi kuvulwa, akuyi kungena mntu ngalo; ngokuba uYehova uThixo kaSirayeli ungené ngalo; liya kuhlala livaliwe ke.

3. Isikhulu, sisikhulu nje, siya kuhlala kulo, ukuba sidle ukudla phambi koYehova. Songena ngendlela yasevarandeni* yesango, siphume kwangendlela yayo.

4. Wandisa ngendlela yesango langasentla, ebeyiphambi kwayo indlu; ndakhangela, nabo ubuqaqawuli bukaYehova buyizalisile indlu kaYehova; ndawa ngobuso.

5. Wathi kum uYehova, Nyana womntu, gqala ngentliziyo yakho, ubone ngamehlo akho, uve ngeendlebe zakho, konke endisukuba ndikuthetha kuwe, ngokusingisele kwimimiselo yonke yendlu kaYehova, nangokusingisele kwimiyalelo yayo yonke; ukúgqale ngentliziyo yakho ukungena endlwini le, ezindaweni zonke zengcwele ekuphunywa ngazo.

6. Uze uthi kwabaneenkani, kwabendlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yanelani, ndlu kaSirayeli, ngamasikizi enu onke,

7. okubangenisa kwenu oonyana bolunye uhlanga, abangalukileyo ngentliziyo, abangalukileyo ngenyama, ukuba babe sengcweleni yam, ukuba bayihlambele indlu yam le, nakùsondeza ukudla kwam, amanqatha negazi. Umnqophiso wam nawaphula ke phezu kwamasikizi enu onke;

8. ànasigcina isigxina sengcwele yam; nabamisa abayá ukuba banigcinele isigxina sam engcweleni yam.

9. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Bonke oonyana bolunye uhlanga, abangalukileyo ngentliziyo, abangalukileyo ngenyama, abayi kungena engcweleni yam, bakubo bonke oonyana bolunye uhlanga, abaphakathi koonyana bakaSirayeli.

10. Ke kwanabaLevi, abakhweleláyo kude kum, ekundwendweni kwamaSirayeli awandwendwáyo kum, alandela izigodo zawo, aya kubuthwala ubugwenxa bawo.

11. Baya kwanela ukuba ngabalungiseleli engcweleni yam, bengabaveleli bamasango endlu le, belungiselela endlwini le. Abo baya kuxhelela abantu idini elinyukayo nombingelelo, bona beme phambi kwabo, ukuba babalungiselele.

12. Ngenxa enokuba babalungiseleláyo phambi kwezigodo zabo, baba sisikhubekiso sobugwenxa kwindlu kaSirayeli, ngenxa yoko ndibaphakamisele isandla sam, itsho iNkosi uYehova, ukuba babuthwale ubugwenxa babo.

13. Abayi kufika kum, ukuba benzelelele kum, bangafiki kwiingcwele zam zonke, kwingcwele kangcwele yam; baya kuthwala ke ihlazo labo namasikizi abo abawenzileyo.

14. Ndobenza babe ngabagcini besigxina sendlu le ngokwenkonzo yayo yonke, nangokwezinto zonke ezenzelwa kuyo.

15. Ke bona ababingeleli abaLevi, oonyana bakaTsadoki, abasigcináyo isigxina sengcwele yam, ekundwendweni koonyana bakaSirayeli kum, bosondela bona kum, ukuba bandilungiselele, beme phambi kwam, ukuba basondeze kum inqatha negazi; itsho iNkosi uYehova.

16. Bongena bona engcweleni yam, basondele bona esithebeni sam, ukuba bandilungiselele, bagcine isigxina sam.

17. Kothi, ekungeneni kwabo ngamasango entendelezo ephakathi, bambathe iingubo zelinen; kungabikho nto yoboya kubo ekulungiseleleni kwabo emasangweni entendelezo ephakathi, naxa bakuyo indlu.

Uhezekile 44