Uhezekile 41:24-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Bezingambini iingcango kwiminyango leyo, ziziingcango ezijingayo zombini, zimbini komnye umnyango, zimbini iingcango nakomnye.

25. Kwaye kwenziwe kuzo, kwiingcango ezo zetempile, iikerubhi namasundu, kunjengoko bekwenziwe ngako ezindongeni. Kwaye kukho isinyuko somthi phambi kwevaranda ngaphandle.

26. Iifestile ezivaliweyo namasundu zazingapha nangapha, emacaleni evaranda, nasemagumbini endawo yokwayama kuyo indlu, nezinyuko.

Uhezekile 41