1. Ngomnyaka wamashumi omabini anamihlanu wokuthinjwa kwethu, ekuqalekeni komnyaka, ngolweshumi enyangeni leyo, ngomnyaka weshumi elinesiné emva kokuxatyelwa komzi, ngayo kanye loo mini, isandla sikaYehova saba phezu kwam, wandisa khona.
2. Ngemibono kaThixo wandisa ezweni lakwaSirayeli elo, wandibeka entabeni ephakamileyo kakhulu; phezu kwayo kwanga sisakhiwo somzi ngasezantsi.
3. Wandisa khona: nanko umntu, okubonakala kunjengokubonakala kobhedu, ephethe intsontelo yeflakisi* ngesandla, nengcongolo yokulinganisa;* waye ke emi esangweni.
4. Wathetha nam loo mntu, wathi, Nyana womntu, khangela ngamehlo akho, uve ngeendlebe zakho, ugqale ngentliziyo yakho zonke izinto endikubonisa zona; ngokuba uziswé apha ukuze uboniswe. Xelela indlu kaSirayeli konke okubonayo.
5. Nanko ke, kukho udonga ngaphandle kwendlu, olujikelezileyo ngeenxa zonke, isesandleni somntu lowo ingcongolo yokulinganisa, iziikubhite* ezintandathu, iyileyo iyikubhite enobubanzi besandla. Wabulinganisa ububanzi besakhiwo; baba yingcongolo enye, ukuphakama kwayingcongolo enye.
6. Waya esangweni elibheke empumalanga, wenyuka ngezinyuko zalo, walinganisa omnye umbundu wesango; waba yingcongolo enye ububanzi, omnye umbundu ke wokuqala wayingcongolo enye ububanzi.
7. Negumbi lokulinda laba yingcongolo enye ubude, layingcongolo enye ububanzi; phakathi kwamagumbi okulinda zaziikubhite ezintlanu; umbundu wesango, ongasevarandeni* yesango enganeno kwayo indlu, wayingcongolo enye.
8. Walinganisa ivaranda yesango leyo inganeno kwayo indlu, yayingcongolo enye.
9. Walinganisa ivaranda yesango ke, yaziikubhite ezisibhozo, iintsika zayo zaziikubhite ezimbini; ke ivaranda yesango yayinganeno kwayo indlu.
10. Ke amagumbi okulinda, esango elisingise empumalanga, aba mathathu ngapha, aba mathathu nangapha, aba mlinganiso mnye omathathu, zaba mlinganiso mnye iintsika ngapha nangapha.