Ngomnyaka wamashumi omabini anamihlanu wokuthinjwa kwethu, ekuqalekeni komnyaka, ngolweshumi enyangeni leyo, ngomnyaka weshumi elinesiné emva kokuxatyelwa komzi, ngayo kanye loo mini, isandla sikaYehova saba phezu kwam, wandisa khona.