19. Nodla amanqatha nihluthe, nisele igazi ninxile embingelelweni wam endinibingeleleyo;
20. nihluthe esithebeni sam ngamahashe nangabamahashe, ngamagorha namadoda onke okulwa; itsho iNkosi uYehova.
21. Ndiya kubumisa ubuqaqawuli bam ezintlangeni, ziwubone iintlanga zonke umgwebo wam endiya kuwenza, nesandla sam endiya kusisa kuzo.
22. Iya kwazi indlu kaSirayeli ukuba ndinguYehova uThixo wabo, ithabathela kuyo le mini ise naphi.
23. Neentlanga ziya kwazi ukuba indlu kaSirayeli yathinjwa ngenxa yobugwenxa babo; ngenxa enokuba bamenezáyo kum, ndabusithelisa ubuso bam kubo, ndabanikela esandleni sababandezeli babo, bawa likrele bonke bephela.
24. Ndabenza ngokobunqambi babo nangokwezikreqo zabo, ndabusithelisa ubuso bam kubo.
25. Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Kaloku ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kukaYakobi, ndisikwe yimfesane ngenxa yendlu yonke kaSirayeli, ndibe nobukhwele ngegama lam elingcwele.
26. Baya kulithwala ihlazo labo, nobumenemene babo bonke ababemeneza ngabo kum, ekuhlaleni kwabo emhlabeni wabo bekholosile, kungekho ubothusayo.
27. Ekubabuyiseni kwam ezizweni, ekubabutheni kwam emazweni eentshaba zabo, ndozingcwalisa kubo emehlweni eentlanga ezininzi.
28. Baya kwazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo, owenza ukuba bathinjelwe ezintlangeni, ndize ndibawomelisele emhlabeni wabo, ndingabuyi ndishiye namnye kubo khona.
29. Andiyi kuba sabusithelisa ubuso bam kubo, ngokokuba ndithulule uMoya wam phezu kwendlu kaSirayeli; itsho iNkosi uYehova.