14. Baya kubalula amadoda anomonde acandacanda elizweni, nahamba nalawo acandacandayo, angcwabe abaseleyo ebusweni belizwe, ukuba alihlambulule. Ekupheleni kweenyanga ezisixhenxe aya kuligocagoca.
15. Baya kucanda abacandacanda elizweni, babone ithambo lomntu, bamise umthelekelelo ecaleni kwalo, bade abangcwabi abo balingcwabe emfuleni wengxokolo kaGogi.
16. Igama lomzi okhona liya kuba nguNgxokolo; balihlambĂąlule ke ilizwe.
17. Wena ke, nyana womntu, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yithi, kwiintaka zeentlobo ngeentlobo, nakumarhamncwa onke asendle, Buthanani nize; zihlanganiseni ngeenxa zonke embingelelweni wam endinibingeleleyo, umbingelelo omkhulu ezintabeni zakwaSirayeli; nidle inyama, nisele igazi.
18. Niya kudla inyama yamagorha, nisele igazi lezikhulu zehlabathi, iinkunzi zeegusha, namatakane, neenkunzi zeebhokhwe, neenkunzi zeenkomo ezintsha ezityetyisiweyo zaseBhashan, zonke ziphela.
19. Nodla amanqatha nihluthe, nisele igazi ninxile embingelelweni wam endinibingeleleyo;
20. nihluthe esithebeni sam ngamahashe nangabamahashe, ngamagorha namadoda onke okulwa; itsho iNkosi uYehova.
21. Ndiya kubumisa ubuqaqawuli bam ezintlangeni, ziwubone iintlanga zonke umgwebo wam endiya kuwenza, nesandla sam endiya kusisa kuzo.
22. Iya kwazi indlu kaSirayeli ukuba ndinguYehova uThixo wabo, ithabathela kuyo le mini ise naphi.
23. Neentlanga ziya kwazi ukuba indlu kaSirayeli yathinjwa ngenxa yobugwenxa babo; ngenxa enokuba bamenezáyo kum, ndabusithelisa ubuso bam kubo, ndabanikela esandleni sababandezeli babo, bawa likrele bonke bephela.
24. Ndabenza ngokobunqambi babo nangokwezikreqo zabo, ndabusithelisa ubuso bam kubo.
25. Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Kaloku ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kukaYakobi, ndisikwe yimfesane ngenxa yendlu yonke kaSirayeli, ndibe nobukhwele ngegama lam elingcwele.
26. Baya kulithwala ihlazo labo, nobumenemene babo bonke ababemeneza ngabo kum, ekuhlaleni kwabo emhlabeni wabo bekholosile, kungekho ubothusayo.
27. Ekubabuyiseni kwam ezizweni, ekubabutheni kwam emazweni eentshaba zabo, ndozingcwalisa kubo emehlweni eentlanga ezininzi.