Uhezekile 36:7-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mna ndisiphakamisile isandla sam; inyaniso, iintlanga ezingeenxa zonke kuni, zona ziya kuthwala ihlazo lazo.

8. Ke nina, zintaba zakwaSirayeli, niya kuvelisa amasebe, iziqhamo zenu nizixakathele abantu bam amaSirayeli; ngokuba sekukufuphi ukuvela kwazo.

9. Ngokuba, niyabona, ndingakuni; ndobuyela kuni, nilinywe, nihlwayelwe.

10. Ndiya kwandisela abantu phezu kwenu, yonke indlu kaSirayeli, yonke iphela, imiwe imizi, akhiwe amanxuwa.

11. Ndiya kwandisela abantu ke neenkomo phezu kwenu, bande, baqhame; ndinènze nimiwe ngokwangaphambili ke, ndinenzele okulungileyo ngaphezu kokwasekuqaleni kwenu; názi ukuba ndinguYehova.

Uhezekile 36