Njengoko walivuyelayo ilifa lendlu kaSirayeli, ngenxa yokuba bekusenkangala kulo, ndiya kwenjenjalo kuwe; kuya kuba senkangala kuwe, ntaba yakwaSehire, nelakwaEdom lonke liphela; bazi ukuba ndinguYehova.