Uhezekile 36:4-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. ngako oko, nina zintaba zakwaSirayeli, liveni ilizwi leNkosi uYehova, lisithi, Itsho iNkosi uYehova kwiintaba nakwiinduli, kwizihlambo nakwimifula, kwiindawo ezibharhileyo ezingamanxuwa nakwimizi eshiyiweyo, eyaba lixhoba nesigculelo samasalela eentlanga ezingeenxa zonke;

5. ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Inyaniso, ndithethé ngomlilo wobukhwele bam ngawo amasalela eentlanga, nangamaEdom onke ephela, alenzé ilifa lawo ilizwe lam, evuyile ngentliziyo yonke, ecukuceza ngomphefumlo, ukuze alilahle libe lixhoba.

6. Ngako oko, profeta ngomhlaba wakwaSirayeli, uthi kwiintaba nakwiinduli, kwizihlambo nakwimifula, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndithethé ndinobukhwele, ndinobushushu, ngenxa enokuba nilithwele ihlazo leentlanga.

7. Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mna ndisiphakamisile isandla sam; inyaniso, iintlanga ezingeenxa zonke kuni, zona ziya kuthwala ihlazo lazo.

8. Ke nina, zintaba zakwaSirayeli, niya kuvelisa amasebe, iziqhamo zenu nizixakathele abantu bam amaSirayeli; ngokuba sekukufuphi ukuvela kwazo.

9. Ngokuba, niyabona, ndingakuni; ndobuyela kuni, nilinywe, nihlwayelwe.

10. Ndiya kwandisela abantu phezu kwenu, yonke indlu kaSirayeli, yonke iphela, imiwe imizi, akhiwe amanxuwa.

11. Ndiya kwandisela abantu ke neenkomo phezu kwenu, bande, baqhame; ndinènze nimiwe ngokwangaphambili ke, ndinenzele okulungileyo ngaphezu kokwasekuqaleni kwenu; názi ukuba ndinguYehova.

12. Ndohambisa abantu phezu kwenu, abantu bam amaSirayeli, bakuzuze ube lilifa labo, ungasabuyi ubahluthe abantwana.

13. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba bathi kuwe, Usisidlabantu, uluhluthe abantwana uhlanga lwakho:

14. ngako oko akuyi kubuya ube sisidlabantu, ungabuyi ulukhubekise uhlanga lwakho; itsho iNkosi uYehova.

Uhezekile 36