7. Ngako oko, balusindini, liveni ilizwi likaYehova, lisithi,
8. Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, inyaniso, ngenxa enokuba umhlambi wam ulixhoba, umhlambi wam udliwa ngamarhamncwa onke asendle, ngokungabi namalusi; abalusi bam bengawukhathaleli umhlambi wam, abalusi bezalúsa ngokwabo, bengawalusi umhlambi wam:
9. ngako oko, balusindini, liveni ilizwi likaYehova, lisithi,
10. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndibachasile abalusi. Ndiya kuwubiza umhlambi wam ezandleni zabo, ndibanqumamise ekwaluseni umhlambi wam, bangabi sazalúsa ngokwabo abalusi; ndiwuhlangùle umhlambi wam emlonyeni wabo, ungabi saba kukudla kubo.
11. Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, mna ngokwam ndiya kuwukhathalela umhlambi wam, ndiwuvelele.
12. Njengoko umalusi awuvelelayo umhlambi wakhe, ngemini yokubakho kwakhe phakathi komhlambi wakhe othiwe saa qhu, ndiya kwenjenjalo ukuwuvelela umhlambi wam; ndiwuhlangule ezindaweni zonke, owaba lusali kuzo ngemini enamafu, enamafu amnyama.
13. Ndiya kuwukhupha ezizweni, ndiwubuthe emazweni, ndiwuse emhlabeni wawo, ndiwalusele ezintabeni zakwaSirayeli, ezihlanjeni nasezindaweni zonke ezimiweyo zelizwe.
14. Ndiya kuwalusela ebutyanini obulungileyo, libe sezintabeni ezinde zakwaSirayeli idlelo lawo; edlelweni elilungileyo, úya kubutha khona, udle utyani obutyebileyo ezintabeni zakwaSirayeli.
15. Mna ndiya kuwalúsa umhlambi wam, ndiwenze ubuthe mna; itsho iNkosi uYehova.
16. Ezilahlekileyo ndiya kuzifuna, ndibuyise eziziintsali, ndibophe ezaphukileyo, ndizomeleze ezifayo; ke ezityebileyo ndozitshabalalisa, nezomeleleyo ndizaluse ngokusesikweni.
17. Nina ke, mhlambi wam, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kugweba phakathi kweegusha neegusha, naphakathi kweenkunzi zeegusha neenkunzi zeebhokhwe.
18. Yinto encinane na kuni, ukuthi nibudle utyani obulungileyo, nize okuseleyo kotyani nikunyhashe ngamanqina enu? nisèle amanzi angcwengekileyo, niwagxobhe aseleyo ngamanqina enu?
19. Umhlambi wam udla obunyhashiweyo ngamanqina enu; usela agxojiweyo ngamanqina enu.
20. Ngako oko itsho iNkosi uYehova kuzo ukuthi, Yabonani, mna ndiya kugweba phakathi kweegusha ezityebileyo neegusha ezinqinileyo.
21. Ngenxa enokuba nityhala ngehleza nangegxalaba, nizihlabe ngeempondo zenu ezityhafileyo zonke, nide nizenze zibe lusali, zigqibe ilizwe:
22. ndowusindisa umhlambi wam, ungabi saba lixhoba, ndigwebe phakathi kweegusha neegusha.
23. Ndomisa phezu kwawo umalusi abe mnye, awaluse, umkhonzi wam uDavide; yena uya kuwalúsa, abe ngumalusi wawo yena;
24. mna Yehova ndibè nguThixo wawo, umkhonzi wam uDavide abe sisikhulu phakathi kwawo; mna Yehova ndithethile.
25. Ndiya kuwenzela umnqophiso woxolo, ndiwaphelise amarhamncwa amabi elizweni, uhlale entlango ukholosile, ulale emahlathini.