Uhezekile 33:21-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Ke kaloku kwathi ngomnyaka weshumi elinesibini emva kokuthinjwa kwethu, ngenyanga yeshumi, ngolwesihlanu enyangeni leyo, kwafika kum osindileyo eYerusalem, wathi, Umzi ubulewe.

22. Isandla sikaYehova saba phezu kwam ngokuhlwa, ngaphambi kokufika kosindileyo. Wawuvula ke umlomo wam, wada wafika kum kusasa; wavuleka umlomo wam, andaba saba sisidenge.

23. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

24. Nyana womntu, abahleli emanxuweni emhlabeni wakwaSirayeli batsho ukuthi, uAbraham wayemnye, walidla ilifa ilizwe; ke thina sibaninzi, silinikiwe ilizwe ukuba silidle ilifa.

25. Ngako oko yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nidla into enegazi, amehlo enu niwaphakamisele ezigodweni zenu, niphalaze igazi; nolidla ilifa na ke ilizwe?

26. Nimi ngekrele lenu, nenza amasikizi, nithi elowo nimènze inqambi umfazi wommelwane wakhe; nòlidla ilifa na ke izilwe?

27. Yitsho kubo ukuthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, abo basemanxuweni baya kuwa likrele; lo usendle ndimnikéle emarhamncweni, ukuba amdle; bafe yindyikitya yokufa abasezimboniselweni nasemiqolombeni.

28. Ndiya kulenza kube senkangala yakwankangala ilizwe, liphele iqhayiya lamandla alo, zibe senkangala iintaba zakwaSirayeli, kungacandi bani kuzo;

29. bázi ukuba ndinguYehova, ndákulenza kube senkangala yakwankangala ilizwe, ngenxa yamasikizi onke ababewenzile.

30. Wena ke, nyana womntu, oonyana babantu bakowenu bancokola ngawe ngasezindongeni naseminyango yezindlu, elowo ethetha nomnye, elowo nomzalwana wakhe, esithi, Khanize, sive ukuba lilizwi eliyini na eliphuma kuYehova.

31. Beza kuwe njengokuza kwabantu, bahlale phambi kwakho ngokwabantu bam, baweve amazwi akho, bangàwenzi; kuba benza okukhanukwa ngumlomo wabo; intliziyo yabo ilandela inzuzo yabo embi.

32. Yabona, kubo ùnjengovuma ingoma emnandi, ozwi liyolileyo, olungisayo ukubetha uhadi; bawève amazwi akho, bangàwenzi noko.

33. Kothi ke kwakufika oko — nanko kusiza — bazi, ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.

Uhezekile 33