19. Ùdlule bani na ngobuhle bakho? Yihla, ulale kwabangalukileyo.
20. Baya kuwa phakathi kwababuleweyo ngekrele; ikrele linikélwe esandleni; yiqweqwediseni, nengxokolo yayo yonke.
21. Ziya kuthetha ngaye iinjengele zamagorha phakathi kwelabafileyo, nabancedi bakhe, zithi, Behlile, balele khona abangalukileyo, bebulewe ngekrele.
22. Ukhona uAsiriya nebandla lakhe lonke; ngeenxa zonke kuye ngamangcwaba abo, bonke bephela bebulewe, bewe likrele; abamangcwaba abo enziwe emhadini phakathi,
23. ibandla lakhe lingeenxa zonke engcwabeni lakhe; bonke bephela bebulewe, bewe likrele, abaye besothusa ilizwe labahleliyo.
24. Ukhona uElam, nengxokolo yakhe yonke engeenxa zonke engcwabeni lakhe; bonke bephela bebulewe, bewe likrele, ababehlé baya ezweni langaphantsi bengalukile; abaye besothusa ilizwe labahleliyo, bathwala ihlazo labo nabehlé baya emhadini.
25. Bamenzela isilili phakathi kwababuleweyo, enengxokolo yakhe yonke; aba ngeenxa zonke kuye amangcwaba ayo; bonke bephela bengalukile, bebulewe ngekrele; ngokuba bóthusa abasezweni labahleliyo, bathwala ihlazo nabehlé baya emhadini; ubekwe phakathi kwababuleweyo.
26. Ukhona uMesheki-Tubhali, nengxokolo yakhe yonke, engeenxa zonke kuye amangcwaba ayo; bonke bephela bengalukile, bebulewe ngekrele; ngokuba besothuse ilizwe labahleliyo.
27. Ke abayi kulala namagorha awileyo angawabangalukileyo, abehláyo baya kwelabafileyo beneempahla zokulwa, ebekwe amakrele abo phantsi kweentloko zabo; ubugwenxa babo buwafikele amathambo abo; ngokuba baye besothusa amagorha ezweni labahleliyo.