Uhezekile 32:17-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ke kaloku kwathi ngomnyaka weshumi elinesibini, ngolweshumi elinesihlanu enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

18. Nyana womntu, yenza isimema ngengxokolo yaseYiputa, uyihlisele, yona nentombi yeentlanga eziziingangamsha, ezweni langaphandle, nabahlé baya emhadini.

19. Ùdlule bani na ngobuhle bakho? Yihla, ulale kwabangalukileyo.

20. Baya kuwa phakathi kwababuleweyo ngekrele; ikrele linikélwe esandleni; yiqweqwediseni, nengxokolo yayo yonke.

21. Ziya kuthetha ngaye iinjengele zamagorha phakathi kwelabafileyo, nabancedi bakhe, zithi, Behlile, balele khona abangalukileyo, bebulewe ngekrele.

22. Ukhona uAsiriya nebandla lakhe lonke; ngeenxa zonke kuye ngamangcwaba abo, bonke bephela bebulewe, bewe likrele; abamangcwaba abo enziwe emhadini phakathi,

23. ibandla lakhe lingeenxa zonke engcwabeni lakhe; bonke bephela bebulewe, bewe likrele, abaye besothusa ilizwe labahleliyo.

24. Ukhona uElam, nengxokolo yakhe yonke engeenxa zonke engcwabeni lakhe; bonke bephela bebulewe, bewe likrele, ababehlé baya ezweni langaphantsi bengalukile; abaye besothusa ilizwe labahleliyo, bathwala ihlazo labo nabehlé baya emhadini.

25. Bamenzela isilili phakathi kwababuleweyo, enengxokolo yakhe yonke; aba ngeenxa zonke kuye amangcwaba ayo; bonke bephela bengalukile, bebulewe ngekrele; ngokuba bóthusa abasezweni labahleliyo, bathwala ihlazo nabehlé baya emhadini; ubekwe phakathi kwababuleweyo.

26. Ukhona uMesheki-Tubhali, nengxokolo yakhe yonke, engeenxa zonke kuye amangcwaba ayo; bonke bephela bengalukile, bebulewe ngekrele; ngokuba besothuse ilizwe labahleliyo.

27. Ke abayi kulala namagorha awileyo angawabangalukileyo, abehláyo baya kwelabafileyo beneempahla zokulwa, ebekwe amakrele abo phantsi kweentloko zabo; ubugwenxa babo buwafikele amathambo abo; ngokuba baye besothusa amagorha ezweni labahleliyo.

28. Nawe ke uya kwaphulwa phakathi kwabangalukileyo, ulale nababuleweyo ngekrele.

29. Ukhona uEdom, ookumkani bakhe nezikhulu zakhe zonke, abathi benobugorha babekwa kwababuleweyo ngekrele; balala nabangalukileyo, nabehlé baya emhadini.

Uhezekile 32