1. Ke kaloku kwathi ngomnyaka weshumi elinesibini, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2. Nyana womntu, menzele isimbonono uFaro ukumkani waseYiputa, uthi kuye, Wafanekiswa nengonyama entsha yeentlanga, nakuba ùbe unjengengwenya elwandle; waxhuma emilanjeni yakho, wawagxobha amanzi ngamathupha akho, wayinyathela imilambo yawo.
3. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuwutwabulula phezu kwakho umnatha wam, kunye nesikhungu sezizwe ezininzi, zikunyuse ngomnatha wam.
4. Ndiya kukulahlela emhlabeni, ndikujulele ebusweni belizwe, ndizihlalise phezu kwakho zonke iintaka zezulu, ndizihluthise ngawe izinto eziphilileyo zehlabathi lonke.
5. Ndoyibeka phezu kweentaba inyama yakho, ndiyizalise imifula ngezidumbu zakho;
6. ndilisèze ihlabathi ngokuphalala kwegazi lakho, lise ezintabeni; zizale izihlambo nguwe.
7. Ndiya kulisibekelisa izulu ekukucimeni kwam, ndizambathise iinkwenkwezi zalo ngezimnyama zokuzila. Ndiya kulisibekela ilanga ngamafu, nenyanga ingakhanyisi ngokukhanya kwayo.