Uhezekile 20:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku kwathi ngomnyaka wesixhenxe, ngenyanga yesihlanu, ngolweshumi enyangeni leyo, kwafika amadoda, evela kumadoda amakhulu akwaSirayeli, ukuba abúzise kuYehova. Ahlala phantsi phambi kwam.

2. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

3. Nyana womntu, thetha namadoda amakhulu akwaSirayeli, uthi kuwo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nizé kubúzisa kum na? Ndihleli nje, unakànye ukuba ndibuzwe nini; itsho iNkosi uYehova.

4. Uza kubagweba na, uza kugweba na, nyana womntu? Bazíse ke amasikizi ooyise.

5. Yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngemini endamnyulayo uSirayeli, endayiphakamiselayo isandla sam imbewu yendlu kaYakobi, endazazísayo kubo ezweni laseYiputa, endabapha kamisela isandla sam, ndisithi, NdinguYehova uThixo wenu:

6. ngaloo mini kanye, ndabaphakamisela isandla sam, ukuze ndibakhuphe ezweni laseYiputa, ndibase ezweni endabahlolelayo lona, elibaleka amasi nobusi, liligugu kunamazwe onke.

7. Ndathi kubo, Lahlani elowo izinto ezinezothe zamehlo akhe, ningazenzi iinqambi ngezigodo zaseYiputa; ndinguYehova uThixo wenu.

8. Basuka baba neenkani kum, àbavuma ukundiphulaphula, àbazilahla elowo izinto ezinezothe zamehlo akhe, àbazishiya izigodo zaseYiputa. Ndathi ke, ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo, ndiwuphelelisele kubo umsindo wam phakathi kwelizwe laseYiputa.

9. Koko ndenzáyo ngenxa yegama lam; ukuze lingàhlanjelwa emehlweni eentlanga, ababephakathi kwazo, endazazísa kubo emehlweni azo, ekubakhupheni kwam ezweni laseYiputa.

10. Ndabakhupha ke ezweni laseYiputa, ndabása entlango;

11. ndabanika imimiselo yam, ndabazísa namasiko am, awothi umntu ewenzile, aphile ngawo.

12. Kananjalo ndabanika iisabatha zam, ukuba zibe ngumqondiso phakathi kwam nabo, ukuze bazi ukuba mna Yehova ndiya bangcwalisa.

Uhezekile 20