Uhezekile 18:8-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. akanikela imali ukuba adle abanye ngayo, akathabatha nzala yamboleko; wasibuyisa isandla sakhe ekugqwetheni, wenza ngokwesiko nangenyaniso phakathi kobani nobani; wahamba ngemimiselo yam,

9. wagcina amasiko am, ukuba enze ngenyaniso: úlilungisa, inene uya kuphila; itsho iNkosi uYehova.

10. Ke ethe wazala unyana osisigwinta, ophalaza igazi, owenza nokuba inye kwezo zinto,

11. ke yena ezo nto zonke engazenzanga, unyana kananjalo odlela ezintabeni, omenza inqambi umfazi wommelwane wakhe;

12. oluxinzelela phantsi usizana nehlwempu, oxhakamfulayo, ongasibuyisiyo isibambiso; owaphakamisela kwizigodo amehlo akhe, owenza amasikizi;

13. onikela imali ukuba adle abanye ngayo, othabatha inzala yemboleko: wophila na ke loo nyana? Akayi kuphila; wenzé onke la masikizi; uya kubulawa afe; igazi lakhe liya kuba phezu kwakhe.

14. Yabonani ke, ethe yena lo wazala unyana, othe wazibona zonke izono zikayise azenzayo, abone ke, angènjenjalo;

15. angadleli ezintabeni, amehlo akhe angawaphakamiseli kwizigodo zendlu kaSirayeli, umfazi wommelwane wakhe angamenzi inqambi;

16. angamxinzeleli phantsi umntu, angabambisi ngesibambiso, angaxhakamfuli; isonka sakhe asinike olambileyo, amgubungele ozé ngengubo;

17. abuyise isandla sakhe kolusizana; angadli abanye ngemali, angathabathi nzala yamboleko, wenza ngokwamasiko am, uhamba ngemimiselo yam: lowo unyana akayi kufa ngobugwenxa bukayise; inene uya kuphila.

18. Uyise yena, ngokokuba ecudisile kakubi, exhakamfula umzalwana, wenza okungalungileyo phakathi kwabantu bakowabo, yabonani, uya kufa ngobugwenxa bakhe.

Uhezekile 18