27. Yabona, ndasolula phezu kwakho isandla sam, ndawunciphisa umamkeliso owumiselweyo, ndakunikela elitheni labakuthiyayo, kweleentombi zamaFilisti, ezibe ziyidanele indlela yakho yamanyala.
28. Wahenyuza noonyana baseAsiriya, ngenxa yokuba unganelanga; wahenyuza ke nabo, akwanela noko.
29. Wabandisela ezweni lamaKanan ubuhenyu bakho kwelamaKaledi, akwanela nayiloo nto.
30. Hayi, ukuthamba kwentliziyo yakho! itsho iNkosi uYehova; ukuba wénze zonke ezo zinto, imisebenzi yenkazana ehenyuzayo, esileyo.
31. Ekwakheni kwakho amanqugwala emantloko eendlela zonke, nasekwenzeni kwakho iindawo zakho eziphakamileyo ezitratweni zonke, akubanga njengehenyukazi eli, ngokusuka uwucukuceze umvuzo wobuhenyu.
32. Umfazi okrexezayo wamkela abasemzini, noko angumkamntu.
33. Onke amahenyukazi bawanika izipho; ke wena wazinika zonke izithandane zakho izipho zakho, wazicenga ukuze zize kuwe ngeenxa zonke ekuhenyuzeni kwakho.
34. Wena okwakho ukuhenyuza kuthe kwaphambana nokwamankazana, ngokuthi ingabi nguwe olandelwayo ekuhenyuzeni; ngokuthi urhole wena umvuzo wobuhenyu, ungàrholelwa umvuzo wobuhenyu; waba ngophambileyo ke.
35. Ngako oko, henyukazi, live ilizwi likaYehova.
36. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba iphalele imali yakho, batyhileka ubuzé bakho ngokuhenyuza kwakho nezithandane zakho, nangenxa yezigodo zonke zamasikizi akho, nangenxa yamagazi oonyana bakho, owabanikelayo kuzo:
37. ngako oko, yabona, ndiya kuzithabatha zonke izithandane zakho owakholisana nazo, nabo bonke owabathandayo, ndawonye nabo bonke owabathiyayo, ndibahlanganise, ndikuchase ngeenxa zonke, ndibutyhile ubuzé bakho kubo, babubone ubuzé bakho bonke.
38. Ndokugweba ngokugwetywa kwabakrexezikazi nabaphalazi begazi, ndikwenze wena ube ligazi lobushushu nobukhwele.
39. Ndokunikela esandleni sabo, bawagungxule amanqugwala akho, bazidilize iindawo zakho eziphakamileyo, bakuhlube iingubo zakho bazithabathe iimpahla zakho zokuhomba, bakushiye uzé kanye.
40. Baya kukunyusela ibandla, bakuxulube ngamatye, bakuxabele ngamakrele abo;
41. bazitshise izindlu zakho ngomlilo, bazenze kuwe izigwebo emehlweni abafazi abaninzi, ndikunqumamise ungabi saba lihenyu, ungabi, sarhola umvuzo wobuhenyu.