Uhezekile 16:2-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Nyana womntu, yazíse iYerusalem amasikizi ayo, uthi,

3. Itsho iNkosi uYehova kwiYerusalem, ukuthi, Ukuvela kwakho nokuzalwa kwakho kokwasezweni lamaKanan; uyihlo waye engumAmori, unyoko waye engumHetikazi.

4. Ukuzalwa kwakho ke, ngemini yokuzalwa kwakho ayinqunyulwanga imfesane yakho, akuhlanjwanga ngamanzi ukuba usuleke, akuhlikihlwanga ngatyuwa, akusongelwanga zisongelweni.

5. Akubangakho liso linenceba kuwe, ukuze wenzelwe noko inye kwezo zinto, ngokuba nofefe kuwe; walahlelwa endle ngokucatshukelwa kwakho ngemini yokuzalwa kwakho.

6. Ndagqitha kuwe, ndakubona ugqushagqusha egazini lakhe, ndathi kuwe, Usegazini lakho njalo, phila; usegazini lakho njalo, phila!

7. Ndakwenza waba yinyambalala, njengokuntshula kwentsimi; wanda, wakhula, wafika entlahleni yezidlele; waphuma amabele, bahluma uboya bakho; waye ke wena uzé kanye.

8. Ke kaloku ndagqitha kuwe, ndakubona, nalo ixesha lakho lilixesha lothando. Ndatwabulula isondo lengubo yam phezu kwakho, ndabugubungela ubuzé bakho; ndakufungela, ndanqophisana nawe, itsho iNkosi uYehova; waba ngowam ke.

9. Ke ndakuhlamba ngamanzi, ndakuhlambulula amagazi akho, ndakuthambisa ngeoli.

10. Ndakwambesa ngeengubo ezimfakamfele, ndakunxiba izixathula zesikhumba sehlengezi; ndakujikelisa intloko ngelinen ecikizekileyo, ndakugqubuthela ngesilika.

11. Ndakuvathisa ngesivatho, ndakufaka izacholo ezihlahleni, nemixokelelwane emqaleni wakho.

12. Ndakunika ikhonkco lempumlo, namajikazi ezindlebeni zakho, nesithsaba sokuhomba entloko.

13. Wavatha ke igolide nesilivere, nezambatho zakho zaba zezelinen ecikizekileyo, nezesilika, nezimfakamfele. Wadla umgubo ocoliweyo, nobusi, neoli; waba mhle kakhulu kunene, waya uphumelela ebukumkanini.

14. Lwaphuma udumo lobuhle bakho lwagqiba ilizwe lonke; ngokuba bapheleliseka bona ngobungangamela bam, endabubeka phezu kwakho; itsho iNkosi uYehova.

Uhezekile 16