Uhezekile 15:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2. Nyana womntu, umthi womdiliya uyidlula ngantoni na yonke eminye imithi, isebe lomdiliya eliphakathi kwemithi yehlathi?

3. Kukha kuthatyathwe umthi yini na kuwo wokusebenza umsebenzi? Kukha kuthatyathwe nesikhonkwane na kuwo, sokuxhoma iimpahla nokuba ziziphi?

4. Yabona, ufakwa emlilweni ukuba uwutshise; umlilo utshisa iincam zawo zombini, sirhawuke isibili sawo; wówulungela na ke umsebenzi?

5. Yabona, oko ube usewonke, ubungenamsebenzi; wóbeka phi na ke ukungabi namsebenzi, xa uthe watshiswa ngumlilo, warhawuka?

Uhezekile 15