Uhezekile 12:4-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Uze uyikhuphe impahla yakho ngokwempahla yemfuduka emini, emehlweni abo; ke wena uphume ngokuhlwa emehlweni abo, njengokuphuma kwabathinjwa.

5. Gqobhoza eludongeni emehlweni abo, uyikhuphe ngakhona.

6. Yithwale ngamagxa emehlweni abo, yikhuphe kwakuba mnyama; búgqubuthele ubuso bakho, ungalikhangeli ilizwe; ngokuba ndikwenzé isimanga kwindlu kaSirayeli.

7. Ndenjenjalo, njengoko ndawiselwa umthetho ngako; ndayikhupha emini impahla yam ngokwempahla yemfuduka; ngokuhlwa ndazigqobhozela eludongeni ngesandla, ndayikhupha kwakuba mnyama, ndayithwala ngamagxa emehlweni abo.

8. Kwafika ilizwi likaYehova kum kusasa, lisithi,

9. Nyana womntu, indlu kaSirayeli, indlu eneenkani, ayitshongo na kuwe ukuthi, Wènza ntoni na?

10. Yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Esi sihlabo sisingisele kwisikhulu esiseYerusalem, nakwindlu yonke kaSirayeli, abaphakathi kwayo abathinjiweyo.

11. Yithi, Ndisisimanga kuni; njengoko ndenzé ngako, kuya kwenzeka ngokunjalo kubo; baya kufuduswa, bathinjwe.

12. Isikhulu esiphakathi kwabo siya kuyithwala ngamagxa kuthe thsu mnyama, siphume; baya kugqobhoza eludongeni ukuba bayikhuphe ngakhona; síya kugqubuthela ubuso baso sona, kuba singayi kulikhangela ilizwe ngamehlo.

13. Ndiya kuwutwabulula umnatha wam phezu kwaso, sibanjiswe ngumgibe wam, ndisìse eBhabheli, ezweni lamaKaledi; ke asiyi kulibona, noko siya kufela khona.

14. Ndiya kukuchithachitha emimoyeni yonke konke esiphahlwe kuko, abancedisi baso namahlelo aso onke, ndirhole ikrele emva kwabo;

15. bazi ukuba ndinguYehova, ekubaphangalaliseni kwam ezintlangeni, ndibachithachithe emazweni.

16. Ndoshiya kubo amadoda ambalwa, asìnde ekreleni, nasendlaleni, nasendyikityeni yokufa; ukuze bawabalise amasikizi abo onke ezintlangeni abaye kuzo; bázi ukuba ndinguYehova.

17. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

18. Nyana womntu, wòsidla isonka sakho ungcangcazela, uwasèle amanzi akho ugungqa, unesithukuthezi.

19. Wòthi ke kubantu belizwe, Itsho iNkosi uYehova ngokusingisele kubemi baseYerusalem, emhlabeni wakwaSirayeli, ukuthi, Isonka sabo bosidla benesithukuthezi, bawasele amanzi abo bemangalisiwe; ukuze ezweni labo kube senkangala, ingabikho inzaliseko yalo ngenxa yogonyamelo lwabo bonke abahleli kulo.

20. Yoba ngamanxuwa imizi emiweyo, kube senkangala elizweni; názi ukuba ndinguYehova.

21. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

22. Nyana womntu, úyintoni na lo mzekeliso ninawo emhlabeni wakwaSirayeli, wokuthi, Imihla iyoluka, iyadaka imibono yonke?

Uhezekile 12