Uhabhakuki 3:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Umthandazo kaHabhakuki umprofeti, ngeshigayon:*

2. Yehova, ndiluvile udaba lwakho, ndoyika;Yehova, wuphilise umsebenzi wakho phakathi kweminyaka,Wázise phakathi kweminyaka;Ekugugumeni kwakho khumbula inceba.

3. UThixo uza evela kwaTeman,OyiNgcwele evela ezintabeni zaseParan. (Phakamisani.)Igubungele amazulu indili yakhe,Ihlabathi lizele yindumiso yakhe.

4. Ubumhlophe bakhe busuke baba njengokukhanya;Yimithi emacaleni akhe;Kulapho ke ukuzimela kwamandla akhe.

5. Phambi kwakhe kuhamba indyikitya yokufa,Kulandele icesina ezinyaweni zakhe.

6. Úmi, walishukumisa ihlabathi;Úkhangele, wazishukumisa iintlanga;Zaba nkumenkume iintaba zanini,Zasibekeka iinduli zasephakadeni;Iindlela zakhe yena zisephakadeni.

Uhabhakuki 3