1. Ngomnyaka wokuqala kaDariyo unyana ka-Ahaswerosi, wasembewini yamaMedi, owaba ngukumkani phezu kobukumkani bamaKaledi,
2. ngomnyaka wokuqala wobukumkani bakhe, mna, Daniyeli, ndaqonda ngazo iincwadi inani leminyaka, elafikayo ngayo ilizwi likaYehova kuYeremiya umprofeti, ukuba kuzalìswe iminyaka emashumi asixhenxe ngokusingisele kumanxuwa eYerusalem.