27. Ubukumkani, negunya, nobukhulu bezikumkani phantsi kwamazulu onke, buya kunikwa abantu abangcwele bOsenyangweni; ubukumkani bakhe bubukumkani obungunaphakade, namagunya onke aya kumbusa, amve.
28. Yaza kuphela apha le nto. Mna Daniyeli, izicamango zam zandikhwankqisa kakhulu, Ibala lobuso bam laguquka ndayigcina le nto entliziyweni yam.