23. La madoda omathathu, ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, awa phakathi kweziko elivutha umlilo, ebotshiwe.
24. Waza uNebhukadenetsare ukumkani wothuka, wesuka ngobungxamo, wathetha wathi kumaphakathi akhe, Besingàjulelanga phakathi komlilo amadoda amathathu yini na, ebotshiwe? Aphendula athi kukumkani, Ùnyanisile, kumkani.
25. Waphendula wathi, Khangelani, ndibona amadoda amané, ekhululekile, ehamba phakathi komlilo, engènzakele; ukubonakala kweyesiné ke kufana nonyana woothixo.
26. Waza uNebhukadenetsare wasondela esangweni leziko elivutha umlilo, waphendula wathi, Shadraki, Meshaki, Abhede-nego, bakhonzi boThixo Osenyangweni, phumani nize. Baza baphuma ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, emlilweni.
27. Zahlanganisana iirhuluneli, nabathetheli bomkhosi, namabamba, namaphakathi okumkani; bawakhangela la madoda, ukuba umlilo awubanga namandla emizimbeni yawo, akurhawukanga nalunwele lwentloko yawo; iihempe zawo azibanga zizimbi, nevumba lomlilo alifikanga kuwo.