1. Ngomnyaka wesibini uNebhukadenetsare engukumkani, uNebhukadenetsare waphupha amaphupha, wakhathazeka umoya wakhe, waphelelwa bubuthongo.
2. Ukumkani wathi makubizwe izazi, nabakhwitsi, nabakhafuli, namaKaledi, bamxelele ukumkani amaphupha akhe. Beza ke bema phambi kokumkani.
3. Wathi ukumkani kubo, Ndiphuphé iphupha; umoya wam ke ungqungela ukulazi iphupha elo.
4. AmaKaledi athetha ke kukumkani ngesiAram, athi, Kumkani, yidla ubomi ngonaphakade! Bálawulele abakhonzi bakho iphupha elo; sokuxelela ukutyhilwa kwalo.