Kwabaseroma 9:20-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Ehla ke, mntundini! Ùngubani na wena, ukuba uphendulane noThixo? Into exonxiweyo ingátsho na kumxonxi wayo ukuthi, Yini na ukuba undenjenje ukundenza?

21. Khona akanagunya na umbumbi wodongwe ukwenza, ngadongwe lwambumba-nye, esinye isitya sibe sesembeko, nesinye sibe sesingesambeko?

22. Hi, ukuba ke uThixo, ethanda ukubonakalalisa ingqumbo yakhe, nokwazisa amandla akhe, wathwala enokuzeka kade okukhulu izitya zengqumbo, zilungiselwe intshabalalo;

23. ukuze abazise ubutyebi bozuko lwakhe ezityeni zenceba, abezilungisele uzuko ngenxa engaphambili;

24. ezi wazibizayo, kwathina aba, kungekuwo amaYuda odwa, kukwiintlanga nazo?

25. Njengokuba esithi nakwekaHoseya,Ndiya kubabiza abangebantu bam ngokuba ngabantu bam;Nongathandiweyo, ngokuba ngothandiweyo.(UHos. 2:23)

26. Kwakuya kuthi, apho kwabe kusithiwa kubo,Aningabantu bam nina,Babizwe apho ngokuthi, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.(UHos. 1:10)

27. Ke uIsaya udanduluka ngoSirayeli, esithi, Nangona inani loonyana bakaSirayeli lingangentlabathi yaselwandle, ngamasalela odwa aya kusindiswa (uIsaya 10:22);

Kwabaseroma 9