Kwabaseroma 6:4-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ngoko ke sangcwatywa naye ngokubhaptizelwa ekufeni; ukuze, njengokuba uKristu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko loYise, sithi ngokunjalo nathi sihambe sinobomi obutsha.

5. Kuba xa similiselwe kuye ngentsobi yokufa kwakhe, somiliselwa kuye nangeyokuvuka kwakhe;

6. síkwazi nje oku, ukuba umntu wethu omdala wabethelelwa emnqamlezweni kunye naye, ukuze umzimba wesono uphuthiswe, size singabi sasikhonza isono;

7. kuba owafayo ugwetyelwe, wakhululwa kuso isono.

8. Ukuba ke safa kunye noKristu, siyakholwa ukuba sodla ubomi kwakunye naye;

Kwabaseroma 6