Kwabaseroma 3:13-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Lingcwaba elivulekileyo umqala wabo,Ngeelwimi zabo bamana ukukhohlisa.(INdum. 5:9)Ubuhlungu bamaphimpi buphantsi kwemilebe yomlomo wabo.(INdum. 140:3)

14. Abamlomo uzele kukuqalekisa nobukrakra.(INdum. 10:7)

15. Iinyawo zabo zinamendu okuphalaza igazi;

16. Lityumtyum neentsizi ezindleleni zabo;

17. Nendlela yoxolo abayazanga.(UIsaya 59:7,8)

18. Akukho koyika Thixo phambi kwamehlo abo.(INdum. 36:1)

19. Siyazi ke ukuba izinto zonke ozithethayo umthetho, uzithetha kwabaphantsi komthetho; ukuze imilomo yonke ivingcwe, nehlabathi lonke libe netyala kuThixo.

20. Ngokokuba, ngokwasemisebenzini yomthetho, akuyi kugwetyelwa nyama emehlweni akhe; kuba isono saziwe ngokubakho komthetho.

21. Ngoku ke kubonakaliswe ubulungisa bukaThixo, kungekho mthetho, bungqinelwa nguwo umthetho nabaprofeti;

22. ubulungisa ke bukaThixo, obungokukholwa kuYesu Kristu, bube bobabo bonke, buphezu kwabo bonke abakholwayo;

23. kuba akukho kwahluka; kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo;

24. begwetyelwe ngesisa lubabalo lwakhe ngako ukukhululwa ngentlawulelo ekuYesu Kristu;

25. athe uThixo wammisa, ukuba abe sisicamagushelo ngegazi lakhe, ngako ukukholwa, ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngenxa yokuyekelelwa kwezono ezibe zenziwe ngenxa engaphambili, ekunyamezeleni kukaThixo;

Kwabaseroma 3