Kwabaseroma 11:8-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. njengokuba kubhaliwe kwathiwa, UThixo ubanike umoya wokuqoba, amehlo okuba bangaboni, neendlebe zokuba bangeva, kwada kwaba yimini yanamhla.

9. Kanjalo uDavide uthi,Isithebe sabo masibe sisibatha, nesihogo sokubambisa,Nesikhubekiso, nesiphindezelo kubo:

10. Makenziwe abe mnyama amehlo abo, ukuba bangàboni;Nomhlana wabo wugobe amaxa onke.(INdum. 69:22,23)

11. Ndithi ngoko, Bakhubeka ukuze bawe na? Nakanye! Kuthe ngesiphoso sabo, usindiso lwafika kuzo iintlanga, ukuze zibakhweletise.

Kwabaseroma 11