Kwabasefilipi 4:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngoko ke, bazalwana bam abaziintánda, balangazelelwayo, lùvuyo lwam, sithsaba sam, yimani ngokunjalo eNkosini, zintánda.

2. UWodiya ndiyamyala, noSintike ndiyamyala, ukuba bacinge nto-nye beseNkosini.

3. Ndiyakucela nawe, sinxulumana senyaniso, bambisana nabo bafazi bázama nam ezindabeni ezilungileyo, kwanoKlemente, nabanye abasebenzisi bam, abamagama asencwadini yobomi.

Kwabasefilipi 4