Kwabasefilipi 1:6-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. ekubeni ndikholose ngayo le nto, yokuba lowo wawuqalayo ngaphakathi kwenu umsebenzi olungileyo, wowufeza, ide ibe yiloo mini kaYesu Kristu;

7. njengokuba ndilungisa ukucinga oko ngani nonke, ngenxa yokuba nikum entliziyweni, nithe, nasezintanjeni zam, nasekuziphenduleleni kwam, nasekuziqiniseni kwam iindaba ezilungileyo, naba ngamadlelana nam ngobabalo olu, nina nonke.

8. Kuba uThixo ulingqina lam lokuba kukhulu ukunilangazelela kwam nonke, ndineemfesane zikaYesu Kristu.

9. Nako oku ndiya kuthandazela, ukuba uthando lwenu lube kukhona luphuphuma ngokuphuphuma ukwazi okukhulu, nako konke ukuqonda,

10. ukuze nizicikide izinto eziziincamisa, ukuze nibe nokusulungeka, ningabi nasiwo, nide nise kwimini kaKristu;

11. nizelé ziziqhamo zobulungisa ezingoYesu Kristu, nikhangelisé ekuzukiseni nasekudumiseni uThixo.

12. Ke kaloku ndinga ningázi, bazalwana, ukuba izinto ezindihleleyo, zibethe kwakukhona zihambayo iindaba ezilungileyo;

13. ngokokude iintambo zam ezi zibonakale kuyo yonke indlu yomkhosi nakwabanye bonke, ukuba zikuKristu;

14. baze abona bazalwana baninzi bathi, beseNkosini, bekholose ngeentambo zam ezi, babe kukhona benobuganga bokulithetha ilizwi, bengenakoyika.

15. Okunene abathile bamvakalisa uKristu ngomona neenkani, abanye ke bamvakalisa ngokokuzithandela.

16. Abeyelenqe abo bamazisa uKristu ngokungenyulu, beba baya kongezelela imbandezelo kwiintambo zam;

17. ke aba, bénziwa luthando, bamazisa uKristu besazi ukuba ndimiselwe ukuziphendulela iindaba ezilungileyo.

18. Ibe yini ke? Noko kunjalo, ngeendlela zonke, nokuba kungokunyhwalaza, nokuba kungenyaniso, kwaziswa uKristu. Ndiyavuya kuko oko, ndaye ndisaya kuvuya.

19. Kuba ndiyazi ukuba oku kuya kuphumelela ekusindisweni kwam, ngako ukundikhungela kwenu, nangoncedo loMoya kaYesu Kristu;

20. kuye ngokulangazelela nangokuthemba kwam, ukuba andiyi kudaniswa nganto; úya kusuka ngako konke ukungafihlisi, njengokwamaxesha onke, athi nangoku enziwe mkhulu uKristu emzimbeni wam, nokuba na kungobomi, nokuba kungokufa.

21. Kuba kum mna, ukudla ubomi kunguKristu, ukufa kuyinzuzo.

22. Ke ukuba ukudla ubomi ndisenyameni kusisiqhamo somsebenzi kum oko, into ke endonyula yona andiyazi.

23. Kuba ndixinekile phakathi kwezinto ezimbini; ndinawo umnqweno wokunga ndingánduluka, ndiye kuba noKristu; kuba kokona kulungileyo kakhulu oko;

Kwabasefilipi 1