Izenzo 2:4-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, baqala ukuthetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wayebanika ukuba bathethe baphimisele.

5. Ke kaloku kwakumi eYerusalem apho amaYuda, amadoda awoyika uThixo, evela kuzo zonke iintlanga eziphantsi kwezulu.

6. Sithe ke sakubakho esi sandi, yabuthelana inkitha, yadubadubeka, ngokuba bonke ngabanye babebeva bona bethetha ngezakomawabo iintetho.

7. Bathi nqa ke bonke, bamangaliswa, wathi omnye komnye, Kanene aba bonke bathethayo asingamaGalili na?

8. Kutheni na ke ukuba sibeve nje sonke ngabanye bethetha ngezakomawethu iintetho, esazalelwa kuzo?

9. Thina maParti, namaMedi, namaElam, nathi simiyo kwelaseMesopotami, kwelakwaYuda kwanakwelaseKapadoki, kwelasePonto nakwelaseAsiya,

10. kwelaseFrigi kwanakwelasePamfili, kwelaseYiputa, nasemacaleni elaseLibhi ngaseKirene, nathi bahambi baseRoma, síngamaYuda kwanabangeni ebuYudeni,

11. thina maKrete nama-Arabhi, sibeva bona bezithetha ngezakomawethu iilwimi izinto ezinkulu zikaThixo.

12. Bathi nqa ke bonke, bakhohlwa, omnye esithi komnye, Azi, ingaba ifuna ukuba yintoni na le nto?

13. Abanye ke babehlekisa ngabo, besithi, Bahluthi yiwayini enencasa.

14. Ke kaloku uPetros, esuke wema nabalishumi elinamnye, waliphakamisa izwi lakhe, waphimisela ukuthetha, wathi kubo:Madoda, maYuda, nani nonke nimiyo eYerusalem, makwazeke oku kuni, niwabekele iindlebe amazwi am.

15. Aba àbanxilile, njengoko nina niba kunjalo, kuba kuselilixa lesithathu lemini.

16. Oku khona koko kuthethiweyo ngomprofeti uYoweli, kwathiwa,

17. Kuya kuthi ngayo imihla yokugqibela, utsho uThixo,Ndimthulule uMoya wam phezu kwayo yonke inyama,Baprofete oonyana benu neentombi zenu,Athi amadodana enu abone imibono,Namadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha;

18. Ewe, ndaye, phezu kwabakhonzi bam, naphezu kwabakhonzazana bam, ngaloo mihlaNdíya kumthulula uMoya wam, baprofete;

19. Ndénze izimanga ezulwini phezulu,Nemiqondiso emhlabeni phantsi,Igazi, nomlilo, nentshinyela yomsi.

20. Ilanga liya kusuka libe mnyama,Ithi inyanga ibe ligazi,Phambi kokuba ize imini yeNkosi,Leyo inkulu ibalulekileyo.

21. Baya kuthi bonke abasukuba belinqula igama leNkosi basindiswe.(UYow. 2:28-32)

Izenzo 2