3. Únoyolo lowo uwalesayo, kwanabo bawevayo amazwi aso isiprofeto esi, bazigcine izinto ezibhaliweyo kuso; kuba ixesha likufuphi.
4. UYohane ubhalela amabandla asixhenxe akwelaseAsiya; uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kulowo ukhoyo, wayekho, uzayo; nakubo ooMoya abasixhenxe abaphambi kwetrone yakhe;
5. nakuYesu Kristu, oliNgqina elithembekileyo, Owamazibulo kubo abafileyo, uMphathi wookumkani bomhlaba.Kulowo wasithandayo, wasikhulula ezonweni zethu ngelilelakhe igazi,
6. wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo uYise: kuye makubekho uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
7. Yabonani, uza namafu; aye eya kumbona amehlo onke, kwanabo bamhlabáyo; zaye ziya kummbambazelela zonke izizwe zomhlaba. Ewe, amen.
8. Mna ndinguAlfa* no-Omega,* isiqalo nesiphelo; itsho iNkosi, leyo ikhoyo, yayikho, izayo, uSomandla.
9. Mna Yohane, endikwangumzalwana wenu, nedlelane nani ngayo imbandezelo, nangabo ubukumkani, nangonyamezelo lukaYesu Kristu, ndaye ndisesiqithini ekuthiwa yiPatmos, ngenxa yelizwi likaThixo, nangenxa yobungqina bukaYesu Kristu.
10. Ndaye ndikuMoya ngemini eyeyeNkosi; ndeva emva kwam izwi elikhulu, ngathi lelexilongo, lisithi,
11. Mna ndinguAlfa no-Omega, owokuqala nowokugqibela. Okubonayo kubhale encwadini, ukuthumele kuwo amabandla asixhenxe aseAsiya: e-Efese, eSmirna, ePergamo, eTiyatira, eSardesi, eFiladelfi, eLawodike.
12. Ndaza ndee guququ, ukuba ndilibone ilizwi elo belithetha nam. Ndithe guququ ke, ndabona iziphatho zezibane zegolide zisixhenxe;
13. naphakathi kweziphatho zosixhenxe ezo, ofana noNyana woMntu, ambethe ingubo efike ezinyaweni, ebhinqe emabeleni umbhinqo wegolide.
14. Intloko yakhe ke neenwele zimhlophe, njengoboya bezimvu obumhlophe njengekhephu; amehlo akhe enjengelangatye lomlilo;
15. iinyawo zakhe zifana nobhedu olubengezelayo, zingathi zivuthiswe eziko; izwi lakhe ngáthi sisandi samanzi amaninzi.
16. Waye eneenkwenkwezi ezisixhenxe esandleni sakhe sokunene; emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elibukhali, elintlangothi mbini; ubuso bakhe bunjengelanga, likhanya ngamandla alo.
17. Ndithe ndakumbona, ndasuka ndawa ezinyaweni zakhe, ndaba njengofileyo.Waza wabeka isandla sakhe sokunene phezu kwam, esithi kum, Musa ukoyika; mna ndingowokuqala nowokugqibela, ndinguye odla ubomi;