Inumeri 26:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. UMoses noElazare umbingeleli bathetha nabo ezinkqantosini zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko, besithi,

4. Thabathelani kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.Oonyana bakaSirayeli abaphumáyo ezweni lamaYiputa babengaba:

5. kwaRubhen amazibulo kaSirayeli: oonyana bakaRubhen: nguHanoki ozala amaHanoki;

6. nguPalu ozala amaPalu; nguHetseron ozala amaHetseron; nguKarmi ozala amaKarmi.

7. Yiyo leyo imizalwane yamaRubhen; ababalwáyo kuyo babengamashumi amané anamathathu amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu.

8. Oonyana bakaPalu nguEliyabhi.

9. Oonyana bakaEliyabhi nguNemuweli noDatan noAbhiram. Nguloo Datan noAbhiram babizwayo libandla, baphikisana noMoses noAron ebandleni likaKora, ekuphikisaneni kwabo noYehova;

Inumeri 26