4. UThixo waqubisana noBhileham; wathi yena kuye, Ndilungisé izibingelelo zasixhenxe, ndanyusa inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu kwisibingelelo ngesibingelelo.
5. UYehova wabeka ilizwi emlonyeni kaBhileham, wathi, Buya uye kuBhalaki, wenjenje ukuthetha.
6. Wabuya waya ke kuye. Nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, yena nabathetheli bonke bakwaMowabhi.
7. Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,UBhalaki ukumkani wamaMowabhi undithabathe kwa-Aram,*Ezintabeni zasempumalanga, esithi,Yiza undiqalekisele uYakobi;Yiza ubhavumele uSirayeli.
8. Ndothini na ukuqalekisa angàmqalekisiyo uThixo?Ndothini na ukubhavumela angambhavumeliyo uYehova?
9. Ngokuba, ndisencotsheni yamawa, ndiyambona;Ndisezindulini, ndibonisela yena.Yabona, ngabantu abahlala bodwa,Àbabalelwa phakathi kwazo iintlanga.