Inumeri 20:8-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Yithabathe intonga, ulibizele ndawonye ibandla, wena noAron umkhuluwa wakho, nithethe engxondorheni phambi kwabo, inike amanzi ayo, ubakhuphele amanzi engxondorheni apho, uliseze ibandla neenkomo zalo.

9. Wayithabatha ke uMoses intonga ebusweni bukaYehova, njengoko wawiswayo umthetho.

10. Wasibizela ndawonye uMoses noAron isikhungu phambi kwengxondorha leyo, wathi kubo, Khanive, nina baneenkani. Sínikhuphele amanzi kule ngxondorha na?

11. Wasiphakamisa uMoses isandla sakhe, wayibetha ingxondorha ngentonga yakhe izihlandlo zazibini; aphuma amanzi amaninzi, lasela ibandla neenkomo zalo.

12. Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Ngokokuba ningakholwanga kum, ukuba nindingcwalise emehlweni oonyana bakaSirayeli, ngoko aniyi kusingenisa esi sikhungu ezweni endibanika lona.

13. Ngawo lawo amanzi aseMeribha,* ababambana ngawo oonyana bakaSirayeli noYehova, waza wazingcwalisela bona.

14. UMoses wasusa izigidimi eKadeshe, zaya kuthi kukumkani wakwaEdom, Utsho umzalwana wakho uSirayeli ukuthi, Wena uyakwazi konke ukuxhamleka esafumanana nako.

15. Behla oobawo, baya eYiputa, sahlala eYiputa imihla emininzi. Asiphatha kakubi amaYiputa, thina noobawo bethu;

16. sakhala kuYehova, waliva ilizwi lethu; wathuma isithunywa, sasikhupha eYiputa. Nanku ke siseKadeshe, umzi osekupheleni komda wakho.

17. Makhe sicande ezweni lakho. Asiyi kucanda masimini nasezidiliyeni. Asiyi kusela manzi amaqula. Sohamba ngomendo wenkosi; asiyi kuthi gu bucala siye ekunene nasekhohlo, side sicande emdeni wakho.

18. Wathi uEdom kuye, Ùze ungacandi kum, hleze ndiphume ndinekrele, ndikuhlangabeze.

19. Bathi oonyana bakaSirayeli kuye, Sonyuka ngomendo. Ukuba sithe sasela amanzi akho, mna nemfuyo yam, ndokuhlawulela. Akukho nto, ndocanda nje kodwa, ndihamba ngeenyawo.

Inumeri 20