Intshumayeli 9:9-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Hlala kakuhle nomfazi omthandileyo ngemihla yonke yobomi bakho obungamampunge, akunikileyo phantsi kwelanga, ngemihla yakho yonke engamampunge; ngokuba sisabelo sakho eso ebomini, nasemigudwini yakho owaphuka yiyo phantsi kwelanga.

10. Yonke into esiyifumanayo isandla sakho ukuba siyenze, yenzé ngamandla akho; ngokuba akukho kwenza, nakucinga, nakwazi, nakulumka kwelabafileyo, apho uya khona wena.

11. Ndabuya ndabona phantsi kwelanga, ukuba ukugidima asikokwabanamendu, imfazwe asiyeyamagorha; kananjalo isonka asisesezilumko; kananjalo ubutyebi asibobabanenqiqo; kananjalo ubabalo asilolwabanokwazi; ngokuba bonke bephela bafikelwa lixesha nasisihlo.

12. Ngokuba umntu akalazi nexesha lakhe; njengeentlanzi ezibanjiswe ngomnatha ombi, nanjengeentaka ezibanjiswe ngomgibe, banjalo ukurhintyelwa kwabo oonyana babantu ngexesha elibi, xa libawele ngesiquphe.

13. Nale nto ndiyibone ibubulumko phantsi kwelanga, babukhulu kum:

14. umzi omncinane unamadoda ambalwa; kweza kuwo ukumkani omkhulu, wawungqinga, wawakhela iimboniselo ezinkulu.

15. Wafumana kuwo indoda elihlwempu inobulumko; yona yawusiza umzi ngobulumko bayo; ke akubangakho mntu ubuya ayikhumbule le ndoda ilihlwempu.

Intshumayeli 9