2. Mna ndithi, Umthetho wokumkani wugcine, ngenxa yesifungo sikaThixo.
3. Musa ukukungxamelo ukumka ebusweni bakhe; ungangeni kwiyelenqe; ngokuba into yonke ayinanzileyo uyayenza.
4. Ekubeni ilizwi lokumkani linegunya, ngubani na onokuthi kuye, Wenza ntoni na?
5. Ogcina umthetho akazi nto imbi; intliziyo yesilumko iyalazi ixesha nesigwebo;
6. ngokuba yonke imicimbi inexesha nesigwebo; ngokuba ububi bomntu buba buninzi phezu kwakhe;
7. ngokuba engayazi into eya kubakho. Ngokuba ngubani na onokumxelela njengoko kuya kuba njalo?
8. Akukho mntu unokuwugunyazela umoya, awuthintele umoya; akukho unokuyigunyazela imini yokufa; akukho kukhululeka kuloo mfazwe; okungendawo akunakubasiza abaniniko.
9. Le nto yonke ndiyibonile, ndayinikela intliziyo yam kwizenzo zonke ezenziwayo phantsi kwelanga, ngexesha athi umntu agunyazele umntu, kube kubi kuye.