Intshumayeli 8:2-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Mna ndithi, Umthetho wokumkani wugcine, ngenxa yesifungo sikaThixo.

3. Musa ukukungxamelo ukumka ebusweni bakhe; ungangeni kwiyelenqe; ngokuba into yonke ayinanzileyo uyayenza.

4. Ekubeni ilizwi lokumkani linegunya, ngubani na onokuthi kuye, Wenza ntoni na?

5. Ogcina umthetho akazi nto imbi; intliziyo yesilumko iyalazi ixesha nesigwebo;

6. ngokuba yonke imicimbi inexesha nesigwebo; ngokuba ububi bomntu buba buninzi phezu kwakhe;

7. ngokuba engayazi into eya kubakho. Ngokuba ngubani na onokumxelela njengoko kuya kuba njalo?

8. Akukho mntu unokuwugunyazela umoya, awuthintele umoya; akukho unokuyigunyazela imini yokufa; akukho kukhululeka kuloo mfazwe; okungendawo akunakubasiza abaniniko.

9. Le nto yonke ndiyibonile, ndayinikela intliziyo yam kwizenzo zonke ezenziwayo phantsi kwelanga, ngexesha athi umntu agunyazele umntu, kube kubi kuye.

Intshumayeli 8