Intshumayeli 7:10-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Musa ukuthi, Ibiyini na, le nto imihla yamandulo ibilungile ngaphezu kwale? ngokuba akuthabatheli ebulumkweni ukuyibuza loo nto.

11. Bulungile ubulumko, bunelifa, bulilungelo kwabalibonayo ilanga.

12. Ngokuba ubulumko bungumthunzi, imali ingumthunzi; ke ukugqithisela kokwazi, kukuba ubulumko buyabasindisa abo banabo.

13. Wukhangele umsebenzi kaThixo; ngokuba ngubani na onokolula into ayenzé yagoso?

14. Ngomhla wentsikelelo chwayitha, nangomhla wobubi qonda kakuhle, ukuba naló, kwanjengalowa, wenziwe nguThixo, ngenxa enokuba umntu engafumani nto emva kwakhe.

Intshumayeli 7