10. Musa ukuthi, Ibiyini na, le nto imihla yamandulo ibilungile ngaphezu kwale? ngokuba akuthabatheli ebulumkweni ukuyibuza loo nto.
11. Bulungile ubulumko, bunelifa, bulilungelo kwabalibonayo ilanga.
12. Ngokuba ubulumko bungumthunzi, imali ingumthunzi; ke ukugqithisela kokwazi, kukuba ubulumko buyabasindisa abo banabo.
13. Wukhangele umsebenzi kaThixo; ngokuba ngubani na onokolula into ayenzé yagoso?
14. Ngomhla wentsikelelo chwayitha, nangomhla wobubi qonda kakuhle, ukuba naló, kwanjengalowa, wenziwe nguThixo, ngenxa enokuba umntu engafumani nto emva kwakhe.