Intshumayeli 5:7-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ngokuba ebuninzini bamaphupha namazwi, maninzi amampunge; ke yoyika uThixo.

8. Ukuba uthe wakubona ukucudiswa kwehlwempu, nokuhluthwa kokusesikweni nobulungisa elizweni, musa ukumangaliswa yiloo nto; ngokuba oyena uphakamileyo ukhangele phezu kophakamileyo; kukho abaphakamileyo naphezu kwabo.

9. Ilungelo lelizwe entweni yonke ngukumkani onyamekela umhlaba.

10. Othanda isilivere akaneliswa yisilivere; nalowo uthanda intabalala, akangenelwa nto. Kwanaloo nto ingamampunge.

11. Ekwandeni kwezinto ezilungileyo bayanda abazidlayo zona, abe umninizo enempumelelo eyini na, ingekuko ukwanela ukuzibona ngamehlo?

Intshumayeli 5