Ingoma Yazo Iingoma 8:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Akwaba ubunjengomnakwethuObesanya amabeke kama!Bendingathi, ndíkufumene phandle, ndikwange,Bangàndideli noko.

2. Bendiya kukuqhuba, bendiya kukusa endlwini kama;Ubuya kundifundisa.Bendiya kukuseza iwayini eqholiweyo,Nencindi yomrharnate wam.

3. Isandla sayo sokhohlo besiya kuba phantsi kwentloko yam,Esokunene sayo sindiwole.

4. Zintombi zaseYerusalem, ndiyanifungisa,Ningáthini na ukuluvusa, ningáthini na ukuluvuselela uthando,Lude luthande?

5. Ngubani na lo unyuka evela entlango,Esayama intánda yakhe?Ngaphantsi komapile lo ndákuvusa wena.Khona apha waba nenimba ngawe unyoko,Khona apha waba nenimba owakuzalayo.

6. Ndíbeke njengomsesane wokutywina entliziyweni yakho, njengomsesane wokutywina engalweni yakho.Ngokuba uthando lunjengokufa, ukuba nengcwangu,Ubukhwele bunjengelabafileyo, ukuba lukhuni;Amalangatye abo ngamalangatye omlilo,Ngamadangatye kaYehova.

Ingoma Yazo Iingoma 8